Lo ngumdlalo omnandi ongentombazana enguThandiwe ethi yenzelwe iyelenqe lokwendiselwa kumfana omdala, uMelumzi; yelenqe elo lenziwa nguninakazi uNoklentyi nodade boThandiwe, uMhizana. Intlalo ayintlanga ncam emzini kaThandiwe. Iileta azibhalelwa ngumyeni ziyaqhaqhwa zifundwe nguninazala, phambi kokuba amnike; imali ayithunyelelwayo akayinikwa, anikwe nje ubusentana bokuthenga izinto zokuthambisa. Izinto ziba mbi nangakumbi akubeleka usana olungasekhoyo. Zifundele ke mfundi wesiXhosa oluncuthu mazangwa lwalo mdlalo!!!