Bambalwa abantu abakwaziyo ukubuyekeza ubugebenga obuqulethwe kule ncwadi ngobuntu. Ukuhlala kwethu akuyivumeli loo nto, ngokwenziwa yindlala nomona. Kumaxesha amaninzi umntu akukunyathela, intshisakalo kukuziphindezela ngamandla, yaye ukuba ubani uthe wabonakalisa ubuthathaka, abantu bempindezelo bakhangela ukumosela. Kwakufudula kungenjalo eli lizwe lisaphethwe ngootata. Kwakubethelelwa imbeko nokuxabisa umntu. Athi umntu nokuba uneempawu zobulwanyana, zinqande iinkonde namanyange, zimana ukuthi: “ngumntu lo.” Injalo nje ootata bangajongi mbuyekezo, okanye ukuba ubani unantoni, wenze ntoni ngezolo, nje egameni lokuba ingumntu, uyaxabiseka. Fundani bantwana bethu.